Noob Academic

The Heart of Redness by Zanemvula Kizito Mda

February 25, 2016 | 2 Minute Read

Book cover

Kukho amazwi endawathanda ndisaqala nje ukuwava. Ayebhalwe lixhego endilihloniphileyo, u-Chinua Achebe. Le gwevu yaseNigeria yayisithi:

Let no one be fooled by the fact that we may write in English, for we intend to do unheard of things with it

Andimazi ukuba wayezama ukuthini ncam ncam. Into endiyazi yindlela endawava ngawo la mazwi. Ndithe ndokujona indlela ebhalwe ngayo le ncwadi ndizive ndincuma ndedwa. Ndifuna ukuyithetha kusekutsha ukuba isizathu esindenza ndiyithande yinto yokuba ibingathi ibhalwe ngesiXhosa. Ibinamaxesha kodwa, amaxesha apho ndibona ukuba umbhali ingathi wezwa into endandiyicaphukela kwincwadi ka Dr Steve Harris ethi “Impimpi”. Ugqirha Harris unemibhalo ethi:

I am an indoda

Ndiyaqonda ukuba ayonto inkulu le kodwa indenza ndizive ngokungathi le ncwadi ibibhalelwa abantu abathetha isiNgesi sodwa. Ulwazi lwam oluncinci ngesiXhosa lundibangela ndiyazi ukuba igama elithi “indoda” alithethi “man” qha. Ii-linguists xa zicacisa iilwimi zesiNguni zithi ziilwimi ezi-agglutivative. Le nto ithetha ukuba isimaphambili esi asihombisi. Andiyithandi into yokungahloniphi ukuba isiXhosa sahlukile kwisiNgesi. Kubalulekile singawasebenzisi kakuhle amagama esiXhosa. Ndiyaqonda ukuba ingathi ndiyageza kuba ekungqibeleni le ncwadi ibhalwe lixhego elihloniphekileyo. Ngxe, mnt’ omkhulu!

Into endizama ukuyibonakalisa yindlela abantu abandenza ndizive ngayo xa bebhala oluhlobo. Bandenza ndizive ngokungathi ulwimi lwam alubalullekanga lona. Andiyithandi lo nto.

Ndigqibile ukugxeka ngoku. Xa ndincoma, ndifuna ukuqala ndiveze ukuba umbhali wenze enye into endizive ndincuma ndokuyibona: kumaxesha amaninzi ubhale isiXhosa ngesiNgesi. Umdla wam uwubabhe ngalonto. Ndizive ngokungathi ndingumhlali waseQolorha nangona ndiyazi ngegama kuphela. Twin kunye noTwin-win basebenzisa into engafane ithethwe esiNgesini: “child of my mother”. Mntana kamama! Ndivele ndakhumbula ilali ndokufunda isivakalisi sokuqala esinalamazwi.

Lencwadi indibonisile ukuba indaba yamaqaba namagqobhoka andiyichani ncam. Ukuqala kwam ukudibana nento ethetha ngee-Believers kunye nee-Unbelivers ndandifunda incwadi Xolela Mangcu. Wayethetha ngayo le nto edlula, yayincwadi engobomi buka Bantu Biko. Igama lalencwadi lithi Biko, ukuba uyafuna ukuyifunda. Ndandicinga ukuba uthetha ngamagqobhoka kunye namaqaba. Ekufundeni kwam le ncwadi yexhego lakwa-Mda, kuyacaca ukuba ayiyo into enye le. Ayizami nokuyigwegweleza lemeko. Kwiphepha le-126, icacisa ukuba i-“Unbelivers” ngamagqobhoka. Ngenxa yalento ndizimisele ukuba xa ndinemali ndizozithengela incwadi ka J.B. Peires ethi The House of Phalo: A History of the Xhosa People in the Days of Their Independence.

Eyona nto ndiyibonileyo kulencwadi yinto yokuba abantu abatshintshi. Ibali livekala ngokungathi lisebenzisa okanye lithetha ngabantu abanye. Ingathi u-Dalton, Zim kunye noBhonco ayingobantu abazicengelayo. Ingathi bayafana yezinyanya zabo. Ngamanye amazwi ingathi bazizo izinyanya zabo, kodwa zizalwe kabutsha. Le nto abantu be-Buddhism/Hinduism yi-reincarnation.

Kukho uQukezwa kunye noXoliswa. Andizazi ukuba ndiziva njani ngalento yabo. uXoliswa uyabonisa ukuba imfundo ayithi lo nto uyayazi indlela ebhaka phambili. Nangona kunjalo, umbhali usebenzisa uCamagu kunye noXoliswa ezama ukuveza ukuba eyona into ingathi inobungozi ayomfundo kodwa yimfundo encinci.

Kudala ndisiva ngoTat’ Zanemvula Mda, kodwa yincwadi yakhe yokuqala endiyifundayo le. Enyanisweni andinaso nesizathu. Ibimnandi incwadi yakhe kodwa.