Intro

Ngoku ndandisenza iimasters ndandithanda ukubhala ngamaphepha endiwafundayo (umz. Review yephepha loo-van Deemter et al.). Andiqondi kodwa ukuba ukhona umntu owakhe wafunda eza post. Ndiyithethiswa le nto yinto yokuba oko ndabhala kule blog, kodwa inye qha ipost eyakhe ndava abantu (ewe — abantu, hayi umntu omnye) bendibuza ngayo. Lo post yayi review yam yencwadi ka Sis’Noviolet Bulawayo. Mhlawumbi isizathu sale nto yinto yokuba akukho umntu ofuna ukubhorwa ngee reviews zamaphepha angayaziyo nokuba angena phi. Ngenxa yesosizathu, kuzakubakho utshintsho kule blog!

Into ebendiyenza

Into endiyaziyo kukuba ndandibhala into endiyivayo kulamaphepha. Andizange — nakanye — ndikhe ndicacise ukuba yintoni umsebenzi wam, kutheni ndicinga ubalulekile, etc. Ngaphezu koko, ndandingabhali izimvo zam ncam. Ndandibhala izishwankathelo. Andiyazi ukuba kutheni ndingazange ndiyibone ukuba imuncu njani lo nto. Ngentlahla, sigqithile apho.

Ngunyaka wam wokugqibela lo kule PhD ndiyenzayo kwaye ndikhulile kwindlela endifunda ngayo amaphepha. Ndiyabona ukuba lo bhubhane we Covid-19 siphila phantsi kwakhe undenze ndakhe ndacinga nge blog yam. Ngelizwi elicacileyo, undenze ndacinga ngendlela endibhala ngayo. Unndinyanzela ukuba ndicinge ukuba ngubani lo ndifuna afunde le blog kwaye ndifuna afunde ntoni!

Utshintso

Ukuqala namhlanje, ndiyayivusa le blog. Ndifuna ukubhala ngezinto ezingaphucula wonke umntu. Ndifuna nokuncedisa nabantu abaqala izidanga zabo zee Hons., Msc., okanye iPhD. Ndizakubhala ngezizinto zilandelayo:

Ndiyathemba ukuba izinto endizakuzibhala zizakubaluncedo.

Enkosi.