Zininzi indlela zokwakha i-system eyenza ezi-tasks zisithoba zee-NLG besikhe sathetha ngazo. Eyona ndlela ilula kukwakha i-module ezakwenza i-task nganye. Ii-system ezikhoyo kodwa zisebenzisa iimodule ezintathu. Ei-modules zezi :

Text planner, sentence planner kunye ne-linguistic realiser

Xa sele ikhethiwe i-architecture ye-system, enye into ebalulekileyo kukuzama ukuqonda ukuba i-subtasks zethu zizokukhupha izinto eziboniswa njani. Into esiyifaka kwi-system ekuqaleni yona iyaxhomekeka. Mhlawumbi i-system ifuna ii-spreadsheets okanye ifuna ii-databases. Abantu abaninzi bayohlula i-system ye-NLG ibene-module ezintathu. Ithi le nto kufuneka siyazi ukuba sifuna ukugqithisa ntoni phakathi kwee-module zethu. Into ekhutshwa yi-text planner sizokuthi licebo lombhalo (text plan), into ekhuthwa yi-sentence planner sizokuthi licebo lesivakalisi (sentence plan).

Amacebo ombhalo aboniswa ngomthi apho amasebe asekugqibeleni anemiyalezo, amasebe la asesiphakathini abonisa iziqhu zemiyalezo. Zininzi indlela ezize nabantu apha eminyakeni zokubonisa amacebo ezivakalisi. Ezona zixhaphakileyo zi-templates kunye nezinto esingathi zii-abstract sentential representations (ASR). Asizokuzicacisa ukuba zisetyenziswa njani ii-templates, kumele ukuba ziyazicacela. Icebo lesivakalisi esicinga ukuba lubalulekile yinto u-Dale no-Reiter abathi zii-ASRs. Eli licebo apho ubonisa indawo ezibakuyo izinto ezifana nezenzi, izibizo, etc kwisivakalisi.

Indlela exhaphakilyo ye-linguistic realisarion intsusa yayo ikwi-research ye-natural language generation. Ikho kuba inikwe amandla ngumsebenzi ka-Halliday[1] kwi-Systemic functional linguistics (SFL). Igama le-SFL liyazixela, ziqwalasele indlela ulwimi lusebenza ngalo. I-systemic functional grammar icacisa ukuba izenzo kunye nezinto zingabonakaliswa njani ngemibhalo. Ayothusi ukuba le nto ingena nca kwizifundo ze-NLG. Ii-systemic grammars zigxininisa kakhulu ekukhetheni. Umsebenzi wazo aziwenzi ngokufumana imithetho elandelanayo ye-Grammar ezakuthatha nokuba yintoni enikwe i-system emva koko ikhuphe izivakalisi. Indlela ezisebenza ngayo kukukhetha kakhulu zide zifumane izinto eziphawula ukuba isivakalisi sizokuma njani. Ungaba nemibuzo yokuba yintoni le ziyikhethayo ukuba awufundi nje. U-Dale kunye no-Reiter basixelela ngomsebenzi ka-Matthieseen kunye no-Bateman[2] ocacisa i-linguistic realiser abayithiye ngokuba yi-KPML. Ungafundo lomsebenzi, mhlawumbi lomsebeni ucacisa banzi ukuba yintoni le ikhethwayo.