Namhlanje sizakuhlalutya le ndaba ye-grammar engine. Ingaba kuthen ibalulekile? Sibuyela kwiphepha lika-Dale kunye no-Reiter, sikhangela ingcaciso. Ababhali bathi abantu abaninzi bayijonga njengento eyinguqulelo ye-parsing le ndaba ye-linguistic realisation. I-system yoku-parser isebenza ngoluhlobo; kusetyenziswa igrammar ax kuthathwa isivakalisi njee, sihlolwe ukuze kubonwe ukuba sithetha into kwelo lwimi luboniswa yilo-grammar. Kubalulekile ukuba sixele ngoku ukuba ezizivakalisi sithetha ngazo akunyanzelekanga ibe zezolwimi labantu. Zizivakalisi zeelwimi ze-programming, kumaxesha amaninzi. Kwinguqulelo, umsebenzi we-system ukuthatha izivakalisi ezifana nezinto ezikhutshwa zii-parser, ingqibe ngokukhupha izivakalisi ezezelwimi zabantu.

Okukuguqulela, ngokomthetho kusinika amandla kunye nolwazi lokwakha iiBi-directional grammars. Ezi-grammar zibhengeza inzalwano phakathi kwentlobo zezivakalisi zethu (semantic structures and syntactic structures). Ezi bi-directional grammar zintle xa uzijonga emaphepheni okanye ezincwadini. Zininzi izinto ezingakwazi ukuzenza xa sinokusebenzisa iibi-directional grammars. Ingxaki kodwa yinto yokuba akukho lula ukwenza ibi-directional grammars zisebenze manyani.

Enye yezinto esichanayo yinto yokuba asikwazi ukucinga ukuba ii-NLG realisers zizokuhlala zinikwa izivakalisi ezingathi ziphuma kwi-parser. Kumaxesha amaninzi izivakalisi esinazo zisuka kwizi-stage ze-NLG ezinjenge text planning kunye ne-sentence planning. Kuyacaca noko ukuba ababhali basinike ithemba nje.