Book cover

Le ncwadi ndiyithenge e-Blank Books. Andinamali kwezintsuku, indoda ngoku ikhangela indawo eneencwadi ezinexabiso elifikelelakayo. Into embi yinto yokuba amaxabiso walavekile angaphaya kokuqonda. Ndiye ndafumana incwadi ethi Indaba My Children by Vusamazulu Credo Mutwa - ibine autograph yombhali. Ibiyi ZAR850. Ininzi gqithi lo mali kum. Ndiyiyekile nangona bendiyibawela. Kukho umntu okudala esithi mandiyifunde la ncwadi.

Andifuni ‘kuxoka. Ndithe ndokuyibona le ncwadi ka Kwakye, ndayidelela. Yincwadana maan le, inamaphepha ayi-218. Kulula ukuyifunda - alikho ixesha apho uzokulahleka, umane uzibona ucinga ukuba ingaba uthetha ngantoni umbhali. Inye indawo apho izokwenzeka lo nto - ingasekugqibeleni. Kukho isizathu sokuba kubenjalo nalapho.

Le ncwadi yonke ivakala ngokungathi yi-Diary ka-Jojo, umdlali ophambili kwelibali. Imnandi yona le ncwadi ngoba kulula ukuqhubekeka uphinde uyifunde xa ukubhe wayibeka phantsi. Idilishana nohlala kwenye indawo, kwelinye ilizwe. Indlela umntu atshintsha ngayo. Idilishana nokungafuni ukugoduka, uJojo litshipa elikhulu laseGhana.

Imnandi le ncwadi, kodwa ukuba ungumntu uyithandayo into yokuba ‘black and proud’ mihla le, ungaba nomsindo ngezinye izinto ezilapha kulencwadi. Ungayifunda ngeveki enye le ncwadi okanye ngezintsukwana nje - xa ufumene ithuba, uzuzithengele.