Book cover

Ndikhumbula kunyaka ogqithileyo ndidibana ne-post ku-Facebook ethetha ngokuba abantu abamnyama bambelele kukholo nangona lalusetyenziswa ekusicinezeleni. Iingcinga zam ngalento zazithe saa!

Le ndoda izibhale phantsi iingcinga zam – isebenzisa ulwimi olu-poetic ekuboniseni ukubaluleka kuka thixo ebantwini abamnyama. Isizathu sokuba abantu bazimisele okanye bazinikele enkonzweni. Uyiveza le nto ngebali lakhe ngomhla apho wawa ecaweni. Abantu babezixelele ukuba ufunyenwe ngumoya oyingcwele.

Ayithethi ukuba yincwadi yamakholwa le. Kwaye ukuba ungumntu okhubeka msinya, le ncwadi ayiyibekeli phezulu icawa - lumkela!

Kumaxesha amaninzi, iincwadi endizifundayo zinde kwaye zithatha ixesha ukufika emxholweni. U-James ubhala ngokungathi uphambi kwakho kwaye uthetha nawe qha. Ndiyalithanda ihlobo abhala ngalo. Kudala ndisiva ngaye, qha bendisonqena ukufunda iincwadi zakhe kuba bendicinga zizokudika kuba izezakudala. Ndiziswe kuye ngu Ta-nehisi Coates. Into endiyibonayo yinto yokuba babhala ngendlela efanayo - babhala into eza entliziyweni. Mhlawumbi ndiziva njalo kuba ndimnyama, ndiyabawela ukuyazi ukuba umntu omhlophe uyive njani le ncwadi.

La mazwi alandelayo andikhumbuza uTa-nehisi Coates kwaye andenze ndancuma ndedwa.

That summer, in any case, all the fears with which I had grown up, and which were now a part of me and controlled my vision of the world, rose up like a wall between the world and me, and drove me into the church

Ukuba unemali yayo, ungayifumana nge ZAR250 kwa Exclusive Books.