Book cover

Siphila kwixesha apho kunzima ukungazi into nokuba inye ngemibutho efana ne-ISIL/ISIS/IS kunye namanye. Umzekelo, izolo i-TimesLive ibisithi indoda yase Vereeniging iswelekele e-Palymyra isilwa ecaleni kwe-ISIL. Le ndoda kuthwa imke emZantsi ngo-September kulonyaka uphelileyo iyokuba yinxalenye yeqela i-ISIS.

Le ncwadi bendiyifunda kuba ndifuna ukwazi ukuba ingaba bunjani ubomi kumaqela anje. Andifuni nokuxoka. Le ncwadi iqale kakhuhle. Andiyazi nokuba kusuke kwathini kodwa umbhali uvele wathetha ububhanxa nje. Ubuninzi balencwadi ingathi yinto ongayiva ku-Fox News. Kwezinye indawo iyanyamezeleka le nto. Iyingxaki enkulu kodwa xa umbhali efika kwimeko yango 11 September 2001. Eyona nto indixakayo kulendoda kukuba yintoni le iyibangela ihleli eleqana nenkolo. Andingumntu wenkolo mna kwaye andifani ndifunde incwadi ezidibene nenkolo. Bendilindele ukwazi ukuba yintoni eyahlukile kum no-Daveed.

Ayikho mnandi elohlobo lencwadi. Ayikho mfutshane kwaye ngenxa yesosizathu ndingathi sukuyifunda ukuba kukho into ofuna ukuyifunda kuyo (udlala ngexesha lakho). Uyakwazi ukubhala lo bhuti kodwa, ingxaki yakhe ziingcinga zakhe - bububhanxa ubuninzi bazo. Eyona nto indoyikisayo kodwa ngaye yinto yokuba akazami ukusebenzisa amagama amakhulu - le nto ibangela uzive ngathi uthetha nomntu ophambi kwakho. Umntu ofanayo nawe, umntu ongengonjingalwazi. Lo bhuti angakulungela ukubhala i-propanga.

Imali yalencwadi ukuba une-Kindle yi ZAR218.56 (Amazon), kwaye ukuba ubuza mna – musa ukudlala ngemali yakho.