Book cover

Lencwadi yenye into. Ibimnandi. Andifuni ukuxoka. Indithathe ixesha kodwa ukuyigqiba. Zimbini izizathu zalento; bendisenza ezinye izinto kulenyanga iphelileyo kwaye bekungekho lula ukuhlala phantsi ndifunde. Isizathu sesibini yinto yokuba le ncwadi ibhalwe ngendlela apho kungekho lula uvele ulahleke kuyo; kuthatha imizuzu emininzi ukuvela ikubambe. Iqale phezulu kwaye nasekugqibeleni imnandi ngeyona ndlela. Ingxaki, kodwa, yinto yokuba ubhali uthatha ixesha elininzi ekuthetheni nge-Little Rascals kunye nezinye izinto. Ndiyaqonda ukuba mhlawumbi abemi baseMelika kunye nabantu abayaziyo lanqubo abazobanagxaki. Nam, mhlawumbi bendizozithanda ezandawo ukuba bendingabo - kodwa ke zange ndayibukela lanqubo kwaye andiyazi nokuba injani i-Compton.

Kukho amaxesha apho ndizibone ndihleka kwaye ndithanda indawo ezithile. Ezinye zazo, ezifana nalo mbhalo ulandelayo:

Like Nazis at a Ku Klux Klan rally, they were comfortable ideologically, but not in terms of corporate culture

Zizakuhlala unomphela nam. Mhlawumbi ngelinye ixesha, ndizophinda ndiyifunde kabutsha lencwadi. Ndiyayiva nje ukuba ukuyifunda kanye akwenelanga. Imali yayo ixhomile kodwa. Kuzoxhomekeka ukuba uyithenga phi, kodwa ungalindele ukukhupha i-ZAR300.