Kudala sincokola ngezinto ezininzi. Sithethe ngamaphepha kwaye savenza ingxaki esinazo ngaphepha ngaye. Ingxaki kodwa, kuyacaca ukuba khange siyijonge ncam - siyiphica-phice indlela i-NLG system eyakhiwa ngayo. Sele siqalile saveza umsebenzi we-corpus ekwakheni i-NLG system. Enye yezinto esinika uvalo kungazi ncam ukuba yakhiwa njani i-NLG system. Kulula ukuthetha nge-surface realisation kodwa kufuneka singawalibali amanye amanyathelo kwi-NLG system.

Content Determination

Yinkqubo apho siqondisisa khona ukuba ngawaphi amagama ezinto kunye nomanyano oluzakusetyenziswa kumbhalo wethu. Ungayijonga ngokuba yinkqubo apho kwakhiwa imiyalezo kusetyenziswa izinto ezinikezwlwe kwi-system yethu ekuqaleni. Imiyalezo le yakhiwayo ungayijonga ngokuba ingqinelana nee-entities, concepts kunye nee-relations.

Discourse Planning

Xa imiyalezo yakhiwe kwi-content determination, kufuneka uyazi ukuba ilandelana njani. Imibhalo ayizozivakalisi ezilandelanayo nje - kubalulekile ukuba kubeko ucwangco. Indlela eyenzwa ngayo le nto kukusebenzisa i-data structure engumthi, imisebe le isezantsi igcina imiyalezo yakhiwe kwi-content determination. Imisebe le ingaphakathi ibonakalisa ukuzalana phakathi kwemiyalezo.

Sentence Aggregation

Umsebenzi walenkqubo kukudibanisa imiyalezo ekwakheni isivakalisi. Akunyanzelekanga ukuba yenziwe le nkqubo kodwa iyanceda ukuze izivakalisi zikwazi ukufundeka lula.

Lexicalization

Le yinkqubo apho kukhethwa amagama azakusetyenziswa kwii-relations kunye nee-domain concepts. EsiNgesini, kumaxesha amaninzi, ungakwazi ukusebenzisa igama elinye xa udilishana nomyalezo othile. Akhona amaxesha apho kufuneka utshintsha-tshintshe amagama asetyenziswayo - ukuze uncede indlela umhlathi lowo afundeke ngcono. I-lexicalization ibalulekile kakhulu xa i-system ye-NLG ikhupha iilwimi ezininzi.

Referrring expression generation

Le inkqubo iphantse yafana ne-lexicalization. Umehluko yinto yokuba apha sidilishana nee-domain entities. Yinkqubo apho sinekeza amagama kwii-domain entities. Esingesini, umzekelo, ungasebenzisa igama le domain entity leyo okanye isimaphambili u “it” kwisivakalisi. Ekusebenziseni esi sivakalisi, kubalulekile ukuba ungenzi abantu bangasivi ncam isivakalisi. Yiyo lo nto kubalulekile ukuqwalasela izivakalisi ezigqithileyo.

Linguistic Realization

Le yeyona nkqubo ibalulekileyo. Ithatha imiyalezo le sele yenzwe izinto zezinye iinkqubo ikhuphe imibhalo ehambelana nemithetho yelolwimi idilishana nalo.

Sithethile ngeenkqubo ekumele ukuba zikhona kwi-NLG system ngaye. Indlela ezakhiwa ngayo ezi NLG systems zakhulile. Abantu bayakwazi ukwakha into enye eyenza yonke into. Abantu abaninzi, kodwa, bazohlula buthathu ezingxenye ze-NLG system. (a) Text planning, (b) Sentence planning kunye ne (c) Surface realization. Phambi kokuba sivale, makhe sithathe ixesha ibuze nje izinto ezimbalwa. Yintoni umsebenzi we-discourse planning, isebenza njani kwaye i-sentence planning ixhomekeke njani kuyo?