Book cover

You don’t understand everything. There are forces at work that you couldn’t possibly imagine. You still have a lot to learn. Don’t judge so quickly, especially when all the evidence seems to confirm your suspicions. That is when life is at it’s most deceptive.

Lo mcaphulo ungentla yeyona nto evele yagqama kulencwadi ekugqibeleni. Ngamazwi athethwa nguyise kaTshepo. Zininzi izinto esingazithetha ngalencwadi. Le ncwadi indikhumbuza i-album yomfo ongugama Thebe Neruda Kgositsile ethi “I don’t like shit, I don’t go outside”. Ingathi uThebe ebehlala efunda lencwadi qho ngentseni ngoku ebesenza lamqulu. Le edition (2rd) bendiyifunda inobukhulu obuthile kwaye ixabiso layo liphezulu.

Le ncwadi ibhalwa ngumfo wakwa Duiker. Abantu abaninzi bathi iincwadi zakhe ziphembelelwe kakhulu bubomi bakhe. Wonke umntu ndakhe ndathetha naye ngale ndoda, bayamcoma umsebenzi wakhe. Andohlukanga nam. Ndiyithandile le ncwadi. Ingxaki ebendinayo kodwa yinto yokuba zikhona iindawo apho ebeloqa kakhulu umbhali - ziyadinga kancinci zona. Indlela adilishana nayo nabalinganiswa ndiyayithanda - ulandela uTshepo kwixesha lonke. Le nto ibangela ukuba ungabi nguThixo onamandla wokubona ubomi bomntu wonke ukuba buphelela phi. Le ncwadi ikushiya usabawela ukuyazi ukuba ingaba lithini ibali likayise kaTshepo, elika Mmabatho, etc.

Ukusweleka kuka Sello kusishiya sibawela amanye amabali esingazosiwafumane kuye. Le ncwadi injalo, ikushiya usabawela ukwazi. Ndiyabulela kodwa kulendoda ngokuzinika ithuba lokubhala iingcinga zayo phantsi. Ulale ngoxolo mfo ka Duiker.