Ingaba i-surface realization isebenza njani kwi-FOG? Ndizive ndizibuza le nto ngenxa loyoyiko lokuba mhlawumbi ikhona into endiphosileyo ngenxa yongayifumani la ncwadi ka-Reiter no-Dale. Ndibuyele kumsebenzi ka E. Goldberg, R. Kittredge kunye no N. Driedger apho bathetha nge Forecast Production Assistant kunye ne-system efunyanwa phakathi kwayo egama lingu-FOG. Ababhali bathi ine-levels ezintlanu i-FOG kwi-surface realization. Ezi-steps zidilishana ne-abstract interlingua, syntax, ukuguqulelwa kwe-concepts kwi-sentence plans; kusetyenziswe amagama afanekileyo asuka kwi-lexicon yelwimi nganye.

I-Lexicon esetyenziswayo izakugcina ulwazi lokuba i-entry nganye ekhoyo izakusebenza endaweni ye-concept ethile ekwi-interlingua. Umzekelo, i-lexical entry ka DIMISH iyakwazi ukususa u-‘dimish’ (interlingua) ukuba umntana we-node le ino-‘dimish’ ino-‘wind’ okanye u-‘gale’. Kodwa, ukuba abantwana bebethetha ngokubanda okanye ubushushu (‘temperature’), ibengezokwenzeka lo nto. I-lexical entry ebezakusebenza kwimeko enjalo ayingo DIMINISH, ngu-LOWER.

Kwi-FOG isivakalisi nganye sine-dependency tree sayo.