Ngalentsasa yanamhlanje sizokufunda umsebenzi ka Spiegler, Van der Spuy kunye no-Flach. Aba babhali bhakhe i-corpus yesiZulu, ebayithiye ngokuba nguKwabelana. Ababhali bathi isiZulu lelona lwimi linabantu abaninzi emZantsi Afrika. Bathi siyalingana ngenani nezinye iilwimi zaseNtsho (West) kodwa ziqabile izixhobo ezidilishana nesiZulu. Andisazi isizathu sokuba ababhali balinganise isiZulu nelwimi zaseNtshona ngoba xa uthetha oluhlobo wenza ingathi inani labantu abathetha ulwimi olo yeyona nto ibalulekileyo ukuba ulwimi olo lubenezixhobo, etc.

Baqala ngokuthi isiZulu saziwa nangegama elithi Zulu. Abantu abathetha isiNgesi basebenzisa eligama kodwa, mhlawumbi ndinochuku, igama elithi ‘Zulu’ lilodwa alithethi nto. Ingaba ligama okanye ifani yomntu kodwa ayilolwimi olo. Ndiyaphinda ndiyatsho ukuba mhlawumbi ndinochuku ngoba ekugqibeleni ngesiNgesi ndithetha ngeGermany nam, nangona abantu bakhona bethetha nge-Deutschland. Ababhali baphinda bathi isiZulu asisetyenziswa njengolwimi lokufundisa, ndicinga ukuba esisivakalisi siyingxaki. Bayatsho kodwa ekuhambeni kwexesha ukuba isizathu esikhulu esibangela uMzantsi Afrika abenengxaki neelwimi yi-apartheid.

Ababhali bayosohlula kabini isiNdebele, banesaseMzantsi Afrika kunye nesaseZimbabwe. Andisasi isizathu salonto. Into abayibeka phambili kodwa kukuba kuwo wonke umsebenzi oqwalasela iilwimi zesiNguni, akukho mntu oqwalasela i-morphology yezilwimi njenge morphology e-agglutinative hayi e-inflectional.

Umntu ofuna ukulifunda banzi eliphepha, angalifumana kwi-Proceedings of the 23rd International Conference on Computational Linguistics