Elinye lamaphepha endicinga limnandi lithiywe lisenzisa i-ontology yokutya ekwakheni izivakalisi xa unikwe i-RDF data [1]. Enye yezinto bendibawela ukuyazi yindlela abazikhe ngazo ezindlela zokupheka bathetha ngazo [1, p11]. Bandithumele kwiphepha loo Ribeiro et al [2], apho bathetha ngee-dialogue systems kunye nokusebenzisa kwazo ii-ontologies. Aba babhali bathi enye yendlela zokuphucula ii-dialogue systems kukwehlula kakuhle i-system kunye nolwazi malunga necala elo i-system isebenza kulo (umzekelo; elezimpilo, imozulu, etc). Le nto ingenziwa ngokusebenzisa i-intology njengento elindelwe yi-system. Eliphepha lababhali lithetha ngokwakhiwa kwe-ontology kwicala lokupheka, ontology leyo izokusetyenziswa kwi-dialogue system. I-ontology le izakuthetha ngezinto ezine; actions, food, recipes kunye nee-utensils. Inazo nee-modules ezine zokwandisa; units & measures, equivalencies kunye neentlobo zee-plates.
Ukusetyenziswa kwe-ontology kwi-dialogue system inganika umakhi we-system indlela yokuhlula ulwazi kunye nokusebenza kwe-system. Isizathu salento yinto yokuba ii-ontologies zisetyenziswa in conceptualising knowledge. Le nto ithi singakwazi ukuba nee-systems apho kufuneka utshintshe ii-ontologies zodwa, hay i-system yonke.
Ukwakhiwa kwe-ontology le yokupheka khange kulandele i-methodology ethile. I-scope se-ontology siye saxelwa/savavanywa ngokwakha imibuzo e-informal yokuxela i-competency ezakusetyenziswa ukubona ukuba i-ontology ingakwazi ukuyiphendula. I-version entsha ye-ontology kumele ikwazi ukuyiphendula le mibuzo ukwenzela ijongwe ngokuba iifezile uvavanyo. Ngexesha elabhalwa ngalo eliphepha, i-ontology le sithetha ngayo ibine-classes eziyi-1151, 92 slots kunye ne-instances eziyi-311.
Ababhalu bebedibana qho ngeveki; bebethetha ngezinto kunye nendlela zokuphucula i-ontology. Baye bohlulelana ngomsebenzi wokuqwalasela ulwazi oluthile. I-formalization ye-knowledge model yona yenze kwi-Protégé
Into yokuqala abayenzileyo ababhali kukuqokelela ulwazi malunga nendlela zokupheka ngokufunda iincwadi zokupheka. Incwadi ezi bazifundileyo sithethe kwaye zicebise izinto ezahlukileyo, kodwa zingqinelene ekwahluleni kwe-concepts. Kwiincwadi zonke, into yokuqala ebeziyenza kukudwelisa izinto ezizokusetyenziswa ekuphekeni. Bezohlulwe malunga nokuzala kwe-concepts ezo, umzekelo; izixhobo bezizodwa, inyama (nkomo, hagu, mvundla, etc) ibiyodwa, etc. Emva kokuqhaphela izinto ezinjena, ababhali baye benza ii-sessions apho bebefuna ukubona ii-concepts zonke ezisetyenziswayo ekuphekeni, amaqela wezo concepts kunye ne-properties ze-concepts ezo. Ilandeliswe yi-formalization yezizinto - kwaye bakhe abaqela ngamaqela azaku-formalizer ii-concepts ezithile.
Enye yezinto evele kwamsinya kukuba ingaba i-relations phakathi kwe-concepts zizokwenziwa njani. Ii-concepts ezininzi abanazo ababhali (ezifana ne Food
, Utensils
) zibonisa ii-hierarchies kwazona (Ngamanye amazwi, kuzofuneka wenze ezinye ii-concepts ezingaphantsi kwazo). Ezi zi-concepts zingaphantsi kwazo zidityaniswa nabazali abo zii IS-A
relations. Ii-attribute based relations zisetyenziswe ekuchazeni uzalwano phakathi kwe-concepts ezikwi-hierarchies ezahlukileyo. Umzekelo, i-recipe isebenzisa ii-utensils kwaye lo nto iboniswa njenge slot kwi Recipe class. Enye yezinto eye yavela yinto yokuba ingaba zonke ii-concepts zizakuba zii-class okanye ii-instances.
Uvavanyo lwe-ontology khange lusebenzise izinto ezifana ne-OntoClean. I-client ibikhona kuwo wonke amaxa apho bekukhutshwa i-version entsha ye-ontology. Umsebenzi we-client ibikukusebenzisa ii-competency questions ukubona ukuba i-ontology ingasetyenziswa ekuyiphenduleni.
References