Book cover

Because we were not in our country, we could not use our own languages, and so when we spoke our voices came out bruised.

Le ncwadi kudala ndizimisele ukuyifunda. Ndaqala ukuva ngayo ngoku yayisandokuphuma. Ndazama ukuqala ukuyifunda ngeloxesha kodwa into embi kukuba ndafunda amaphepha ambalwa, yandoyisa! Andisasikhumbili isizathu sokuyiyeka, inoba kwavela ezinye izinto. Ndiye ndabuyela kuyo kodwa kulonyaka emva kokufunda ikota yencwadi enobunzinyana ethetha ngeZimbabwe. Emva kokufunda ikota yalencwadi, ndiye ndakhumbula uNoviolet (ndiyalithanda eligama!) and ndaqonda makhe ndibuyele kule ncwadi yakho.

Umdla wam malunga neZim uye wanda emva kwalancwadi (i.e., lena), kodwa bendifuna ukuva ngeembali zabantu ngoba xa ufunda iincwadi ethetha ngeepolisi, uye ulibale ukuba kukho abantu abachukumiselekayo zezopolisi. Ngamanye amazwi, kubalula ukuyijonga le nto ngamehlo aqwalasela ubulungisa qha, ulibala ukuba butshintsha njani ubomi babantu – aba bahluthwa umhlaba, kunye naba bafumana umhlaba. Kulonyaka ndiyendazixelela ukuba ndayifuna ukwazi ukuba uNoviolet uthini. Andizisoli tu ngoba yenye yencwadi endingasoze ndiyilibale le. Indothusile inzalwano phakathi kobomi babantu baseZimbabwe kunye nabaseMzantsi Afrika. Ukuqala kulwamano phakathi kwabantu babamabala ahlukileyo, ukuya kwiingoma, indlela abazali abathetha ngayo, kunye nezinye into. Andiyazi ukuba kutheni bendicinga ezindawo zahluke kakhulu — bubudenge bam mhlawumbi.

Le ncwadi iyingxubevanga yezinto ezihlekisayo kunye neziphula umphefumlo. Enye yezinto endiyithandileyo ngalencwadi yindlela uNoviolet ababhale ngayo abantwana - ngabantwana boqobo! Akenzenga la mpazamo yenziwa ngabantu abafana noo-Orson Scott Card (bona babhala abantwana abafana noo-Bingwen, Andrew Wiggin, etc) ababhala abantwana abangathi ngamadoda amadala.

Ezinye iindawo zalencwadi zindikhumbuze iingxaki esisenazo eMzantsi Afrika:

If you are stealing something it’s better if it’s small and hideable or something you can eat quickly and be done with, like guavas. This way, people can’t see you with the thing to be reminded that you are a shameless thief and that you stole it from them, so I don’t know what the white people were trying to do in the first place, stealing not just a tiny piece but a whole country. Who can ever forget you stole something like that?

Ukuba uzibona uzibuza ukuba kungabanjani xa ushiye ilizwe lakokwenu lisengxakini, usiya kwamanye amazwe, ukhangela ubomi obungcono - le yincwadi engakunceda nobomi. Iyakubonisa iingxaki ongadibana nazo endleleni yakho. Ngaphezu koko, ukuba ufuna ukuhleka nokukhala, ungayithenga lencwadi.