Njengokuba iimeko zibuthathaka kwizixhobo ezakhiweyo kwicala lee-ontoloji ezikwaziyo ukudilishana nelwimi zaBantu, kuyadingeka umntu ajonge izinto esele zisenziwa kwiilwimi ezifana nesiNgesi. Kukho izixhobo ezingcono kwezilwimi ngoba baninzi abantu abasebenza nazo. Isixhobo esizakusijonga namahlanje yi-OntoVerbal. I-ontoVerbal yakhiwe ngabantu abafuna kubelula ukusebenzisa i-Protégé ekufundeni inzalwano kunye nezinye izinto kwi-ontolojii nokuba umntu oziqwalaselayo akayongcali. Kumele ukuba kuyacaca ngoku kumfundi ukuba ukwakhiwa kwee-ontolojii kunezinto ezimbini ezinzima:

1. ukwakha ii-axioms ezintsa kunye
2. nokuhlela ii-axioms ekusele zakhiwe.

Yiyo le nto kubalulekile ukuba umntu osebenzisa i-ontoloji ayazi into ephakathi kuyo. I-ontoloji ene-axioms ezinobuxhaka-xhaka kubanzima ukuba yingcali ngezinto eziphakathi kuyo ukuba ufunda umbhalo we-OWL wodwa okanye uzama ukuyiqondisisa ngokujonga imizobo ye-ontoloji leyo. Ukuxhaphaka kwee-ontolojii kumacala afana ne-biomedicine kunye namanye isibangela sifune iindlela zokulungisa le ngxaki sigqib’ ukuyichaza. Isizathu yinto yokuba le ngxaki ivalela abantu ekusebenziseni ii-ontolojii. I-ontoVerbal le, ayizami ukwakha ulwimi ngeklasi ngaye olungenangxaki ngokungathi mbhalo lowo ubhalwe ngumntu. Ifuna ukwakha izivakalisi zesiNgesi ezizo isebenzisa ii-axioms zeklasi nganye.

OntoVerbal ikhupha umhlathi ngaklasi nganye ekhethiweyo. Ababhali basebenzisa i-ontoloji yentliziyo xa ibonisa ukuba siyasebenza esi sixhobo. Amagama weeklasi azakusetyenziswa kumbhalo asuka kwiimpawu ezikwiklasi leyo. Ngamanye amazwi, esi sixhobo sisebenzisa iileyibheli ezixelwe kwi-ontoloji, ukuba ayikho yona ileyibheli leyo ithi le nto isixhobo sisebenzisa ii-URI fragments. Esi sigqibo sibangela ukuba umbhalo ube buxhaka-xhaka. Umzekelo, endaweni yesi sivakalisi;

A valve is a kind of anatomical concept

Singabona lombhalo ulandelayo;

A <URI#Valve> is a kind of <URI#Anatomical>

Akhona namaxesha apho i-ontoVerbal yakha iileyibheli kwi-ontoloji ngokwayo isebenzisa iiURI le, yohlula amagama asebenzisa i-camel case okanye asebenzisa ii-andasko. Ayilungi tu ngobunjalo bayo le nto kwilwimi zaBantu.