Book cover

Kudala ndisiva ngayo le ncwadi. Ndive abantu abakufuphi kum bethetha ngayo, beyincoma. No-Junot Diaz naye wakhe wayincoma kwenye iVideo endandiyibukele yakhe apho wayethetha ngencwadi azithandayo ezazibhalwe ngabasetyhini abamnyama! Wonke umntu endandimva ethetha ngalencwadi, ulijonga elibali njengebali labantu basetyhini kwindawo ezizama ukuzilungisa emva komka kwamakoloniyali. Banyanisile xa bayijonga elohlobo kodwa ndiyibona ilibali elingaphezulu kwalonto. Kum, libali lokudikwa ngabelungu, ngamadoda, kunye nokubona ukuba impucuko ayinto inye nokonwaba.

The victimisation, I saw, was universal. It didn’t depend on poverty, on lack of education or on tradition. It didn’t depend on any of the things I had thought it depended on. Men took it everywhere with them

Umlinganiswa ophambili kulencwadi nguTambo. Libali lakhe eli ekuzameni ukwenza ubomi bakhe ngcono. Ndicela uzithengele le ncwadi. Ayikhonkulu.